1

LANGUAGE PROGRAM, 232 BAY STATE ROAD, BOSTON, MA 02215 [email protected] www.bu.edu/Africa/alp 617.353.3673

Proverb 8: Intonga Entle Igawulwa Ezizweni

(Kusecaweni)

Sango (Igosa): eeeeeee. Mandibulis’ebandleni e ngelihl’igama leNkosi umfeli wam. Amen!

Ibandla: Amen!

Sango (igosa): E eNdithi ke mandivule le nkonzo le ngomhlabelelo omncinane khon’ukuze ibandla lime ngeenyawo. E e e e e e e! Bendiza kucela nje umhlabelelo omncinane.

(Iculo): Lawula! Lawulaa Nkosi Yesu, koza ngaWe ukonwaba. Ngeziphithi phithi zethu, yonakele imihlaba. Bona izwe lakowethu, uxolel’izono zalo, ungathob’ingqumbo yakho o, luze luf’usapho lwakho. – a - amen.

Sango (Igosa): E e e e! Ameni! Ameni!

Ibandla: Hee A a a amen!

Sango: Yithi, Amen!

Ibandla: A a men!

Sango (Igosa ): Hoya a a !Sibulela umhlabelelo omhle kangakanana.E e e e ,Nkosi yam. Xa kunjenje e ndiye ndiqondba ukuba hayi ngokwenene uThixo Yena mkhulu.

Ibandla: Ewe

Sango: Ngonje ke e e e,

Nolufefe: Ewe tata

Sango: Ngonje ke Ndithi ke mandithathe eli thuba……. Uyabona ke namhlanje ……..omnye umntu uza kubuza ukuba kutheni namhlanje inkonzo wayiqhuba ngolu hlobo Namhlanj’inkonzo le e e kuthiwe mandiyiqhube ngolu hlobo.Kutsho bani na,kutsho uThixo.

2

Ibandla: E e e e!

Sango (Igosa): Kutsho uThixo.

Ibandla: E e .

Ke namhlanje e e, sina, sinaye umzalwane esinaye apha enkonzweni, mzalwane lowo esimaziyo. E e e. Nkosi yam. E e e. Uhles’enyuk’aph’enkonzweni lo mzalwane.Uyasebenza.

Umzalwan’omhle. Umzalwan’okhathalayo. Oyithanday’iNkosi yakhe. Lo mzalwane ke uye wagqiba ekubeni ba ee makazimanye ngeqhina lomtshato. He e e! Ngonje ke ndiza kummisa nje apha ngaphambili aze abonwe libandla. E e e.

Ibandla: Ewe tata

Sango (Igosa): Emveni koko ke uza kuphind’ahlale phantsi. Sandule ke ukuchaza

Ibandla: Halala a a a! Halala a a a! Yeha a a a a!

(Umzalwane oza kutshata uya ngaphambili ukuze abonwe. Umana elungalungisa ibhatyi ngokuzimisela.)

Sango: Bendiza kukucela ke mzalwane wam, ukuba uze ngaphambili. Hayi ke nanku lo mzalwana( Utsho ekhomba uTamsanqa). Ungahlala phantsi bakube bakubone.

Sango: Umzalwane lo unale ntombi ayibonileyo.

Nolufefe: Ewe tata! Owu iintombi zethu zatsho zatshata.

Sango: Xa ndisithi ayibonileyo andithethi ukuba uyibone ngokwakhe.

Nolufefe: Ewe tata! Zatsho zatshat’iintombi zethu.

Sango: Akayibonanga ngeliso lenyama.Ntonje e e e, uyibone ngeliso likamoya.

2 3

Ibandla: Ewe

Sango: Ngeliso likaThixo. Andazi nokuba ndiyavakala na. Yithani ‘Amen’ xa ndithethayo.

(ubhekisa ebandleni). Ngonje ke umzalwane lo le ntombi uya kuthi ayichaze siyibone xa siphinda sidibana, athi hayi, iNkosi indibonise le ntombi, ukuba ke ma mandiyithathe ndiyenze umfazi wam.

Ibandla: Amen!

Nolufefe: Owu batsho batshata abantwana bethu! Owu batsho ba

Sango: O Nkosi yam!Nkosi yam. Halleluuya! Halleluuya. Hayi ke! Ngokufutshane, ndiza kucela ukuba sihlabelele nje umhlabelelo omfutshane.

Sophinda sidibane kwixa elizayo nomzalwana lo ungusingaye.

(Amen! Amen! Amen Ame e e n! Amen!)

Tamsanqa: (Wenza ufefe)

Masele samkele ufefe. Ufefe lweNkosi yethu uYesu Kristu nothando lwakhe nobudlelane bomoya bunga bungahlala phezu kwethu sonke ngoku nangonaphakade. Amen!

(Amarhament, uNolufefe noThemba banga uTamsanqa bevuyisana naye ngokubona intombi aza kuyitshata.)

Kholiswa: Yhee ngathi ndiyabona umntwana wam ebonwa lisoka.Tyhini hayi kaloku yahlabelela apha ecaweni.

Nothemba: Hee ngathi ndiyabona xa sele indim umrs ke ngoku. Tyhini!

3 4

Part Two

(Kungena icawe. Kwicawe ephelileyo bekohlukenwe uTamsanqa eza kubonisa ibandla intombi ayibonileyo.)

Sango: Ngoku ke bendiza kucela ukuba siphakame ngeculo nje elifutshanana. E e! Ameni !Halelujah!

Ibandla: A a a amen!

Sango: Xa kunje , amazulu ayavuya. Ngoba kaloku kuza kwenzeka izinto ezazisakwenzeka. Nditheth’ukuthi ke kuza kubakho umanyano phakathi kwezidalwa zikaThixo. Nkosi yam. hallelujah!

Ibandla: A a men!

Sango Ngonje ukuba ndikhumbula kakuhle, nebandla likhumbula kakuhle kwicaw’ephelileyo umzalwane lo ebekhe watsho wathi ke ugqibe ekubeni azimanye ngeqhina lomtshato nentombi leyo aza kuthi asazise namhlanje. Njengokuba besitshilo kwicaw’edlulileyo, asizi kuchitha xesha lininzi. Umzalwane lo makaze ngaphambili asazise ngale ntombi cacaba, hayi imphandlile. Haleluya!!!

Nolufefe: Halala aaaaaa!

Hayi ke bendiza kucela umzalwane wethu aze simphakamise ngeculo.

Ibandla: Ewe tata!

(Ingoma: Ubhuti we e e thu, ubhuti we e e thu,)

(Chorus: Yingwe – e e e e e e! Iyho! Yho yho! Akasemhleee!

Tamsanqa: Ameni! Ameni!

Ibandla: Amen! Amen!

4 5

Tamsanqa: Mandithathe eli thuba ndibulise kumfundisi, ndibulise ootata ndibulis’oomama, ndibulise abantu abatsha ngelihle igama likaYesu Kristu iNkosi yethu. Amen.

Ibandla: Amen !!!

Tamsanqa: E e, namhlanje entliziyweni yam ndinovuyo olukhulu. Niyakhumbula ke ukuba kwiveki edlulileyo bendikhe ndabizwa apha phambi kwenu kusithiwa ndibonile, intombi.

Ibandla: Amen!

E e e mandicacise indawana encinci . Andibonanga, kodwa ndibonelwe nguThixo.

Ibandla: Amen!

Tamsanqa: Into endiye ndayenza mna, kukulandela nje uThixo, ndaya kule ndawo andikhombisa kuyo.

Ibandla: Nkosi yam. Amen!

Tamsanqa: So, ndingachithanga xesha, ndiza kucela intombi le, ikhawuleze ize ngaphambili ukwenzela ukuba niyibone.

Ibandla: Nkosi yam! Owu!

(Iyasukuma intombi ibuntloni isiya ngaphambili)

Nolufefe: (ejonge intombi eboniweyo )

Hayi bo!

Ibandla: Halleluya!

Sango: Amen! Amen! Awu! Uyabona ke! Umntu kaThixo ukhombile. INkosi nisikelele. Ningahlala phantsi.

Uyabona ke kuhle xa kunje, ndiyavuya mna.

5 6

(Enye intombi enomona ebicinga ukuba kuza kutshatwa yona iyakhalal, iyahamba)

Sango: Zininzi iintombi apha enkonzweni, ziyahlabelela, zenza nantoni na, akukho nto zingayenziyo, kodwa umzalwane akathatha apha enkonzweni. Umzalwana ulapha enkonzweni, intombi ayiyoyalapha. NesiXhosa siyatsho, sithi: Intonga entle ikhiwa ezizweni. Part Three

Sango: Ngoku ke bendiza kucela ukuba khe siphakame ngeculwana nje elifutshanana, sivale inkonzo yethu, aze umzalwane wethu asenzele ufefe.Kuhle xa kunjenje. Uza kuzibuza wena ukuba kutheni kuthathwe le ntombi nje. Kaloku nikhumbule ukuba nesiXhosa siyatsho sithi, ‘intonga entle ikhiwa ezizweni.’

(Iculo: Law’la Lawula a a Nkosi ii Yethu, koza ngaWe e e e ukonwaba.

Ngeziphithi phithi zethu. Yonakele imihlaba)

Tamsanqa: Masamkele ufefe. Ubabalo lweNkosi yethu uYesu Kristu maluhlale nathi sonke ngoku nangonaphakade.

6