Amasiko Nezithethe Neendlela Zokuziphatha Kwaxhosa

Amasiko Nezithethe Neendlela Zokuziphatha Kwaxhosa

AMASIKO NEZITHETHE NEENDLELA ZOKUZIPHATHA KWAXHOSA by ZODWA CAROLINE GCINGCA-NDOLO Submitted in fulfilment of the requirements for The degree of MASTER OF ARTS In the subject AFRICAN LANGUAGES (ISIXHOSA) at the UNIVERSITY OF SOUTH AFRICA UPERVISOR: PROF N. SAULE 2008 ISINIKEZELO Ndinqwenela ukugqithisa amazwi akhethekileyo ombulelo ku: 1. -Njingalwazi Ncedile Saule, ngokuthi andikhuthaze kuqala ukuba nam ndingangomnye wabantu abanokuliphumelela eli banga xa ndinokuzimise- la, ade atsho ukuba naba balifundileyo abalifundanga ngayeza koko bathe bazimisela. -Ndibulela kakhulu ngenkxaso yakhe ezamela ukuba ndenze umsebenzi onguwo noncomekayo, ngaphandle kwakhe lo msebenzi ngewungakhan- ge ube yimpumelelo. Andinakulibala ukugqithisa amazwi ombulelo kwaba bantu balandelayo: 2. Nkosikazi Gxaba-gxaba ongumzala wam ngokuthi anyuke esihla endinika inkxaso kangangoko anako. 3. Bishop W.N. Nama webandla lase-The Holy Independent Apostolic Church in Zion (T.H.I.A.C.Z.). Bendimana ndimfimfitha ulwazi nanjengoko esisisele senyathi kulo mba bendibhala ngawo wamasiko nezithethe. 4. Nkosazana Nombuyekezo Gqada ndiyabulela ngokumane undincedisa, undixhasa ngolwazi de undikhuthaze apho ndityafa khona, ukwanda kwaliwa ngumthakathi. 5. Nkosikazi Ndolo ( uMgolozana) ndiyabulela sisi ngokuzixhamla, uyeke yonke into obuyenza ndakufika ndicela ulwazi. 6. Nkosazana Vuyokazi Norolela andinakukushiya ngasemva Jalamba, ubub- onakalisile ubuntu kum wandincedisa phaya naphaya, nangamso Tshezi elihle. 7. Mnumzana Fikile Ndolo ndiyabulela Nkcenjana ngokumana ukuchitha ixesha lakho nam ndakufika kuwe ndifuna ulwazi. 8. Mnumzana Siyabulela Gcingca uyithabathile inkxamleko mzala wam ngokumane undinceda phaya naphaya ndakufika kuwe ndibuza le naleya akwadikwa ndim kwade kwangumzuzu wokugqibela, ndiyabulela Khuboni, ndiwazi enjalo ke mna amaBhele. 2 9. Mnumzana Solomzi Qumba ngokuthi andincedise ekuwubhaleni lo msebenzi ekuwudibaniseni nasekuwuthumeleni. 10. Umtshana wam uSiphosenkosi Diko ngokundizobela imifanekiso endiyisebenzise apha kwezi zifundo. Kwakhona ndifuna ukugqithisa la mazwi ombulelo: 11. Kumama wam uNomalizo Wilhemina Gcingca ongasekhoyo. Ndide ndabe ndifikelela kule ndawo ndikuyo nje nguwe, ngokundikhulisa, wandifundisa wandenza umntu. Ndiyabulela Bhelekazi, Langa lokulunga ndithi ndakuhlala ndikukhumbula ngezenzo zakho ezincomekayo nezikhuthazayo zobuzali. Igalelo laba bantu balandelayo andinakulishiya ngasemva: 11. Umyeni wam, uZamikaya Perseverance Ndolo ngokunyamezela nangoku- ndivumela de andikhuthaze ukuba ndiqhubele phambili nezifundo zam angadinwa,ndiyabulela Sukude omhle, Maphuphehlek’exel’umntwana. 12. Abantwana bam bonke uZizipho (mafungwashe), uZinziswa, Zama- Same, (untondo), uZinzi, ndiyababulela ngokundinyamezela xa ndimana ukubashiya ndingabaniki uthando lwabo oluyimfanelo kubo. Andinakubashiya ngasemva abatshana bam, Mzwabantu, Zolani, Zuko. Sithi esiXhoseni isinamva liyabukwa. Ngaphezulu kwabo bonke andinakulibala ukudlulisa umbulelo ongazenzisiyo Kophezu konke, uSombawo, uSomandla ngokundigcina andikhusele, andinike amandla nobulumko bokuwenza lo msebenzi ngokufezekileyo de wafikelela esiphelweni. Namacebo emali andiphe wona khona ukuze ndikwazi ukuwenza ndiwugqibe lo msebenzi ndiyawabulela. 3 OKUQULATHWE LOLU BHALO : AMASIKO NEZITHETHE NEENDLELA ZOKUZIPHATHA KWAXHOSA 1. INTSUSELA NENKUTHAZO Mandulo phambili phaya kusadliwa ngendebe endala, ngexesha lookhokho bethu, isiko ibiyeyona nto kulalwa kutyiwe yona kwaXhosa ngangendlela elalixatyiswe ngayo. Wonke ubani ubesazi ukuba akukho nto ingenziwa kungalandelwanga siko nasithethe. Zonke izinto bezilunga ngokulandela amasiko nezithethe zamaXhosa, ngamaXhosa. Inkaba yale nkcubeko siyilanda kwimveli kaNtu. Asingelibali ukubalula impehla enjengeempembelelo zaseNtshona ethe yanqunqa isidima sale nkcubeko ingakumbi umba wezenkolo nezophuhliso. Nakuba kunjalo imizila yale nkcubeko isabonakala xa sijongisisisa nje. Kubalulekile ukuba silande obu butyebi bufuna ukumka namanzi, khona ukuze sikwazi ukutyebisela abo bangenalo nofifi ngabo. Ngaloo ndlela siya kubanakho ukutolika inkolo, amasiko nezithethe ukanti nezimbo zabo bantetho isisiXhosa. Bantu bakowethu masiyeke ukuthengwa lutshintsho lwezinto ezithi zenzeke kwiindawo esihlala kuzo nangabantu esihlala nabo, nalifuthe leenkolo esiphila phakathi kwazo koko masiyazi inyaniso yokuba isiko lisiko. Masiyazi inkcubeko yethu sizazi apho thina maXhosa sisuka khona, khona ukuze izizukulwana zethu nezizukulwana zezizukulwana, zezithi zivela, zikhule ziyazi iminombo yazo. 2. INJONGO Owona ndoqo kukukhumbuzana ngamasiko nezithethe zethu thina maXhosa, kukwazi nendlela awayesakuqhutywa ngayo. Ukuze amasiko nezithethe zethu zibe nokuhlala zihlonitshiwe kubalulekile ukugcinwa kwawo hayi ezintloko kuphela koko nakumathala eencwadi, abhalwe ngolwimi lwenkobe ulwimi lwethu, isiXhosa. Kwakuba njalo ke nathi sakutsho sibe nelunda sizibone ukuba siluhlanga oluyikhathaleleyo inkcubeko yalo. Yiyo loo nto nam ndibone 4 kufanelekile ukuba mandizekwe mzekweni ndiqalise le mihlathana ukuhlaba umkhosi kumasiko nezithethe zamaXhosa. 3.UMXHOLO Xa sisenjenje sijongene nomngeni kumasiko nezithethe zezwe lethu. Esingabalula kuwo isiko lokunxulwa kosana, imbeleko, isiko lokwaluka, intonjana, umsitho wamaXhosa, izihlonipho zabafazi, ukubaluleka kotywala besiXhosa nobesilungu kumasiko akwaXhosa, amasiko anxulumene nokufa nokuzila. Uthi uSaule (2006), kwincwadi yakhe “Masibalise ngesiXhosa, adle amaXhosa iinkobe aziqhelileyo…Yiyo loo nto kunamhlanje nje sekukho abamana ukwalatha benqwala bewisa, benyola, besikhumbuza ukuba makuhlanganyelwe iincwadi, kwakhiwe uhlanga.” Uqhuba athi, “isizwe esingenazo iincwadi zaso ezibhalwe ngolwimi lwaso siyadelelwa zezinye izizwe. IsiXhosa lulwimi olukhaliphileyo…” (Saule 2006). Kaloku sikholo loo nto thina nto zaziyo ukujonga ukuba akukho kusilela nakupheliswa ngolunya kwamasiko ethu ngenxa yoofunz’eweni bamasiko nezithethe zasentshona. 4. IZIPHUMO. Sibona eyakhe yamibi imiphumela le empilweni yabantu ngenxa yokungenziwa kwamasiko. Abantu bayagula, bafa ngeengozi, imizi iyaphela ukanti eminye sele iphelile ngenxa yokulityalwa kwamasiko nezithethe. Isantya sokwenzeka kwezinto ezimasikizi sithathe olunye unyawo, ndifuna ukuthi ke mna mnye unobangela wezi ziphumo zibi kukulibala apho sivela khona nokutshikilela amasiko nezithethe zethu. 5. UQUKUMBELO Ndithe ndakubona ukuba amasiko la ethu thina MaXhosa afuna ukutshabalala ndabona kufanelekile ukuba mandenze ngolu hlobo ukuzama ukuvuselela izazela zethu nokuvuselela izazela zabo sele bethengwe ziinkolo zezinye iintlanga. Lilonke ndithi embo maXhosa akowethu. 5 6.UKUXHASA / UKUNGQINA / UKUSEKELA Oku kukugxininisa maXhosa amahle ukuba niwalandele amasiko enu, kwaye niwenze ngokukuko, ningalibali kaloku ukuba inyathi ibuzwa kwabaphambili. Xa nditshoyo ke mzi kaNtu ndizama ukuthi, makhe sifumane imithamo nali iselwa liphihlika yingqaka. Kaloku impazamo ikho nakubani na kodwa ke xa kukho imingeni efana nale, masizitsho zitshone. Amade ngawetyala!! 6 ISIQULATHISO ISINIKEZELO…………………………………………………………………..(ii) OKUQULATHWE LOLUBHALO…………………………………………….(iv) ISIQULATHISO…………………………………………………………….....(vii) ULUHLU LWEMIFANEKISO…………………………………………..……..(x) INGABULA ZIGCAWU…………………………………..…………...............(xi) ISAHLUKO 1 : INTSHAYELELO 1.1 Intshayelelo……………………………………………………………………1 1.2 Imvelaphi, inkcubeko nemasikwazi ngamasiko nezithethe…………………...1 1.3 Umohluko phakathi kwesiko nesithethe……………..………………………..8 1.4 Iindidi zamasiko esinawo kwaXhosa…………………………..…….............11 1.4.1 Imbeleko……...…………………………………….…..…………………..12 1.4.2 Inkciyo……………………..……………………………………….............13 1.4.3 Isiko lokwaluka nentonjane………………………………………..……….13 1.4.4 Isiko lokwendiswa kwentombi nokuzeka komfana…………………..........14 1.4.5 Ukwenda……………………………..…………………………………….14 1.4.4.1 Ukulobola………………………..……………………………………… 15 1.4.4.2 Ukuhlonipha komendi emzini………………………………..…………..16 1.4.6 Amasiko nezithethe anxulumene nokufa kwakunye nokuzila……..............16 1.4.6 Uqukumbelo……………………..…………………………………............17 ISAHLUKO 2 :Ukuphuma kwelanga 2. Indlela yokuzalwa kosana kwaXhosa, ukunxulwa kwakunye nesiko lembeleko……………………………………………………………………..19 2.1 Intshayelelo…………………………….……………………………………19 2.2 Ukuzalwa kosana kwaXhosa…………………………………….………….19 2.3 Ukuzalwa kwamawele namasiko awo kwaXhosa…………………….…….25 2.4 Ukunxulwa kosana………………….……………………………….............27 2.5 Isiko lembeleko…….………………………………………………………..29 2.5.1 Yayisaya kuqhutywa njani imbeleko……….……………………………..30 2.5.2 Indlela yokwabiwa kwenyama yesiko lembeleko………….……………...33 2.6 Uqukumbelo…………….…………………………………………………...37 ISAHLUKO 3 : Ngentlazane 3. Ukwaluka, inkciyo nokuthonjiswa kwentombi kwaXhosa………………......39 3.1 Intshayelelo………………………………………………………………....39 3.2 Umxholo ngokwaluka………………………………………………………39 3.3.1 Ukwaluka kule mihla………………………………………………...........53 3.3.2 Izihlonipho zabakhwetha………………………………………………….59 3.4 Buyintoni ubudoda kwaXhosa……………………………….……………...61 3.5 Iimpawu zobudoda kwaXhosa……………………………….……...............64 3.6 Inkciyo……………………………………….……………………………....69 3.7 Ukuthonjiswa kwentombi kwaXhosa…………………………………..........74 3.8 Uqukumbelo………………………………..………………………………...84 7 ISAHLUKO 4 : Emini emaqanda 4 Umsitho kwaXhosa………………………..…………………………………...85 4.1 Intshayelelo……………..……………………………………………………85 4.2 Umxholo ngomsitho wamaXhosa……………………………..……………..85 4.3 Ukufilisha………………………………..…………………………………...86 4.4 Ukuhlolela…………………………………..………………………………..87 4.5 Uduli………………………………………..………………………………..89 4.6 Umsitho……………………………………...……………………………….90 4.7 Umtshato…………………………………...………………………………...91 4.8 Sidlala eyiphi indima isiqinisekiso

View Full Text

Details

  • File Type
    pdf
  • Upload Time
    -
  • Content Languages
    English
  • Upload User
    Anonymous/Not logged-in
  • File Pages
    191 Page
  • File Size
    -

Download

Channel Download Status
Express Download Enable

Copyright

We respect the copyrights and intellectual property rights of all users. All uploaded documents are either original works of the uploader or authorized works of the rightful owners.

  • Not to be reproduced or distributed without explicit permission.
  • Not used for commercial purposes outside of approved use cases.
  • Not used to infringe on the rights of the original creators.
  • If you believe any content infringes your copyright, please contact us immediately.

Support

For help with questions, suggestions, or problems, please contact us